-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
48
|Mateo 24:48|
Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele,
-
49
|Mateo 24:49|
ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo,
-
50
|Mateo 24:50|
iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo,
-
51
|Mateo 24:51|
imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
-
1
|Mateo 25:1|
Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni.
-
2
|Mateo 25:2|
Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha.
-
3
|Mateo 25:3|
Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo;
-
4
|Mateo 25:4|
kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo.
-
5
|Mateo 25:5|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala.
-
6
|Mateo 25:6|
Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7