-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
29
|Mateo 21:29|
Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya.
-
30
|Mateo 21:30|
Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya.
-
31
|Mateo 21:31|
Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Ngowokuqala. Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi.
-
32
|Mateo 21:32|
Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye.
-
33
|Mateo 21:33|
Yivani omnye umzekeliso. Bekukho umninindlu othile owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.
-
34
|Mateo 21:34|
Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso.
-
35
|Mateo 21:35|
Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye.
-
36
|Mateo 21:36|
Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo.
-
37
|Mateo 21:37|
Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.
-
38
|Mateo 21:38|
Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13