-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Mateo 21:9|
Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
-
10
|Mateo 21:10|
Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo?
-
11
|Mateo 21:11|
Bathi ke abantu, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili.
-
12
|Mateo 21:12|
Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe;
-
13
|Mateo 21:13|
athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
-
14
|Mateo 21:14|
Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.
-
15
|Mateo 21:15|
Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide: basuka bacaphuka,
-
16
|Mateo 21:16|
bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele udumiso?
-
17
|Mateo 21:17|
Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.
-
18
|Mateo 21:18|
Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13