-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
33
|Mateo 20:33|
Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu.
-
34
|Mateo 20:34|
Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.
-
1
|Mateo 21:1|
Kuthe, xa babesondele eYerusalem, befikile eBhetefage, kwiNtaba yemiNquma, uYesu wesusa abafundi bababini,
-
2
|Mateo 21:2|
esithi kubo, Yiyani emzaneni lo ukhangelene nani; kwaoko nofumana iesile libotshelelwe linethole, likhululeni nilizise kum.
-
3
|Mateo 21:3|
Nokuba kukho othe wathetha into kuni, nothi, Ayafuneka eNkosini; wothi ke awathumele kwaoko.
-
4
|Mateo 21:4|
Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,
-
5
|Mateo 21:5|
Yithini kwintombi uZiyon, Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, Enobulali, ekhwele e-esileni, ilithole ke, Inkonyana yento ebotshwayo.
-
6
|Mateo 21:6|
Baya ke abafundi, benza ngoko wayebamisele ngako uYesu,
-
7
|Mateo 21:7|
balizisa iesile nethole, babeka iingubo zabo phezu kwawo, bamhlalisa phezu kwazo.
-
8
|Mateo 21:8|
Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; baye abanye bexhuzula amasebe emithini, bewandlala endleleni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13