-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|Mateo 20:23|
Athi kubo. Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselwe bona nguBawo.
-
24
|Mateo 20:24|
Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini.
-
25
|Mateo 20:25|
Ke kaloku uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo.
-
26
|Mateo 20:26|
Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;
-
27
|Mateo 20:27|
nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkonzi wenu;
-
28
|Mateo 20:28|
kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
-
29
|Mateo 20:29|
BakubonÂ’ ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu.
-
30
|Mateo 20:30|
Nanko kuhleli iimfama zimbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
-
31
|Mateo 20:31|
Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
-
32
|Mateo 20:32|
Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13