-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Mateo 20:13|
Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?
-
14
|Mateo 20:14|
Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako.
-
15
|Mateo 20:15|
Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndilungile mna?
-
16
|Mateo 20:16|
Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
-
17
|Mateo 20:17|
Ke kaloku enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini babodwa endleleni, wathi kubo,
-
18
|Mateo 20:18|
Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali. Baya kumgweba ukuba afe,
-
19
|Mateo 20:19|
bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
-
20
|Mateo 20:20|
Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye.
-
21
|Mateo 20:21|
Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho.
-
22
|Mateo 20:22|
Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13