-
-
Xhosa
-
-
16
|Nehemías 6:16|
Kwathi zakukuva oko iintshaba zethu zonke, zoyika zonke iintlanga ezisijikelezileyo, zetha amandla emehlweni azo, zazi ukuba kuvele kuThixo wethu ukwenziwa kwalo msebenzi.
-
17
|Nehemías 6:17|
Kananjalo ngaloo mihla, abanumzana bakwaYuda bazongeza iincwadi eziya kuTobhiya, nezikaTobhiya bezisiza kubo.
-
18
|Nehemías 6:18|
Ngokuba bebebaninzi kwaYuda ababemfungele; ngokuba ebengumyeni kwaShekaniya unyana ka-Ara; noYohanan unyana wakhe ubezeke intombi kaMeshulam unyana kaBherekiya.
-
19
|Nehemías 6:19|
Kananjalo ukulunga kwakhe babekuthetha phambi kwam, namazwi am bewasa kuye. UTobhiya wathumela iincwadi zokundoyikisa.
-
1
|Nehemías 7:1|
Ke kaloku kwathi, lwakwakhiwa udonga, ndazifaka iingcango; bamiswa abamasango, nabavumi, nabaLevi, ukuba bagcine umsebenzi wabo.
-
2
|Nehemías 7:2|
Ndamwisela umthetho uHanani umzalwana wam, noHananiya umphathi wenqaba, ngeYerusalem; ngokuba ebeyindoda enyanisekileyo, emoyikayo uThixo ngaphezu kwabaninzi.
-
3
|Nehemías 7:3|
Ndathi kubo, Amasango aseYerusalem makangavulwa, lide lifudumale ilanga; bathi, besemi belinda, bazivale iingcango, bazitshixe; nimise abagcini abangabemi baseYerusalem, elowo abe selugcinweni lwakhe, elowo abe phambi kwendlu yakhe.
-
4
|Nehemías 7:4|
Umzi ububanzi ngeenxa zombini, umkhulu; abantu bembalwa phakathi kwawo, kungakhiwanga zindlu.
-
5
|Nehemías 7:5|
UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwabo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa:
-
6
|Nehemías 7:6|
Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukayo kwabathinjiweyo basemfudusweni, awayebafudusile uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5