-
-
Xhosa
-
-
6
|Nehemías 6:6|
kubhalwe kuyo kwathiwa, Kuvakele ezintlangeni, utsho noGashemu ukuthi, Wena namaYuda nicinga ukugwilika; ulwakha ngenxa yoko udonga olo; unqwenele ukuba ngukumkani wawo, ngokwaloo mazwi.
-
7
|Nehemías 6:7|
Kananjalo umise abaprofeti bokumemeza ngawe eYerusalem, besithi, Kumkani wamaYuda! Ngoko ke kuya kuvakala kukumkani ngokwaloo mazwi; yiza ke ngoko, sicebisane.
-
8
|Nehemías 6:8|
Ndathumela kuye, ndathi, Akukho nto injengaleyo uyithethayo, iyiloo nto uyicamngce entliziyweni yakho.
-
9
|Nehemías 6:9|
Ngokuba bonke bephela bebesoyikisa, besithi, Izandla zawo ziya kuwuyeka lo msebenzi, ungenziwa. Ngoko, Thixo, zomeleze izandla zam.
-
10
|Nehemías 6:10|
Ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya, unyana kaMehetabheli, evalelwe; wathi, Masihlangane endlwini kaThixo, ngaphakathi kwetempile, sizivale iingcango zetempile leyo; ngokuba baza kukubulala; ebusuku baya kuza kukubulala.
-
11
|Nehemías 6:11|
Ndathi, Kubaleke indoda enjengam nje na? Yiyiphi na enjengam eya kungena etempileni isinde? Andiyi kungena.
-
12
|Nehemías 6:12|
Ndaqonda: O! AsinguThixo lo umthumileyo; isiprofeto esi usithethe ngam ngokuqeshwa nguSanebhalati noTobhiya.
-
13
|Nehemías 6:13|
Ubeqeshelwe ukuze ndoyike, ndenze loo nto, ndone; ndibe negama elibi kubo, ukuze bandingcikive.
-
14
|Nehemías 6:14|
Bakhumbule, Thixo wam, ooTobhiya noSanebhalati ngokwezo zenzo zabo, kwanoNowadiya umprofetikazi, nabanye abaprofeti ababendoyikisa.
-
15
|Nehemías 6:15|
Lwagqitywa udonga ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kaEluli, ngemihla emashumi mahlanu anamibini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21