-
-
Xhosa
-
-
18
|Nehemías 4:18|
nabakhi babesakha, benxibe elowo ikrele lakhe esinqeni sakhe. Ovuthela isigodlo ubesecaleni lam.
-
19
|Nehemías 4:19|
Ndathi kubanumzana, nakubaphathi, nakwabanye abantu, Umsebenzi lo mkhulu, ubanzi; thina sithe saa eludongeni, omnye ekude komnye.
-
20
|Nehemías 4:20|
Endaweni enithe neva ilizwi lesigodlo, nobuthelana kuyo kum; uThixo wosilwela.
-
21
|Nehemías 4:21|
Sasisebenza emsebenzini, isiqingatha sawo siphethe izikhali, siqalela ekuphumeni kwesifingo, sizise ekuveleni kweenkwenkwezi.
-
22
|Nehemías 4:22|
Kananjalo ndathi ngelo xesha ebantwini, Elowo nendodana yakwakhe makalale phakathi eYerusalem ebusuku, ukuze babe ngabalindi kuthi ebusuku, emini babe semsebenzini.
-
23
|Nehemías 4:23|
Ke mna, nabazalwana bam, namadodana akwam, namadoda alindayo abendilandela, sibe singazikhululi iingubo zethu. Elowo ebenekrele lakhe kwesokunene.
-
1
|Nehemías 5:1|
Ke kaloku kwabakho ukukhala okukhulu kwabantu nabafazi babo ngabazalwana babo amaYuda.
-
2
|Nehemías 5:2|
Bekukho ababesithi, Sibaninzi thina, oonyana bethu, neentombi zethu; masamkele ingqolowa, ukuze sidle, siphile.
-
3
|Nehemías 5:3|
Bekukho nababesithi, Amasimi ethu, nezidiliya zethu, nezindlu zethu, sibambisile ngazo; masamkele ingqolowa ngenxa yendlala.
-
4
|Nehemías 5:4|
Bekukho nababesithi, Siboleke imali yokurhafela ukumkani, ngokubambisa ngamasimi ethu nezidiliya zethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7