-
-
Xhosa
-
-
8
|Nehemías 4:8|
Bacebisana kunye bonke bephela, ukuba beze kulwa neYerusalem, bayonakalise.
-
9
|Nehemías 4:9|
Sathandaza kuThixo wethu, samisa abokulinda imini nobusuku ngenxa yabo.
-
10
|Nehemías 4:10|
Athi amaYuda, Amandla abathwali bemithwalo ayetha, inkunkuma ininzi; thina asinakulwakha udonga.
-
11
|Nehemías 4:11|
Ababandezeli bethu abo babesithi, Akayi kwazi, akayi kubona, side singene phakathi kwawo, siwabulale, siwumise umsebenzi.
-
12
|Nehemías 4:12|
Kwathi, akuza amaYuda abehleli emacaleni abo, athetha kuthi izihlandlo zalishumi, ephuma ezindaweni zonke, esithi, Buyelani kuthi.
-
13
|Nehemías 4:13|
Ndesuka, ndamisa ezindaweni ezisezantsi emva kodonga, ezindaweni ezibalelelwa lilanga, ndamisa abantu ngokwemizalwane, benamakrele abo, nezikhali zabo, nezaphetha zabo.
-
14
|Nehemías 4:14|
Ndakhangela, ndasuka ndathi kubanumzana, nakubaphathi, nakwabanye abantu, Musani ukuboyika; khumbulani iNkosi enkulu eyoyikekayo, nilwele abazalwana benu, noonyana benu, neentombi zenu, nabafazi benu, nezindlu zenu.
-
15
|Nehemías 4:15|
Kwathi, zakuva iintshaba zethu ukuba siyazi thina, nokuba uThixo ulitshitshisile iqhinga lazo, sabuyela sonke siphela eludongeni, elowo emsebenzini wakhe.
-
16
|Nehemías 4:16|
Kwathi, ukususela kuloo mini, esinye isiqingatha samadodana akwam sasebenza emsebenzini, esinye isiqingatha saphatha izikhali, neengweletshetshe, izaphetha, neengubo zentsimbi; kananjalo abaphathi babeyixhasile yonke indlu kaYuda.
-
17
|Nehemías 4:17|
Ke aba babesakha eludongeni, nabathwala imithwalo, babethwala ngesinye isandla esibe sisebenza emsebenzini, baphathe izikhali ngesinye;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7