-
-
Xhosa
-
-
30
|Nehemías 3:30|
Emva kwakhe kwakulungiswa nguHananiya unyana kaShelemiya, noHanun unyana wesithandathu kaTsalafi, esinye isithuba. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, malunga negumbi lakhe.
-
31
|Nehemías 3:31|
Emva kwakhe kwakulungiswa nguMalekiya, oweengcibi zegolide; kwesa kwindlu yabakhonzi betempile, neyabathengi, malunga nesango likaMifekadi, kwesa kwigumbi eliphezulu lembombo.
-
32
|Nehemías 3:32|
Phakathi kwegumbi eliphezulu lembombo nesango lempahla emfutshane, kwakulungiswa ziingcibi zegolide nabathengi.
-
1
|Nehemías 4:1|
Kwathi, akuva uSanebhalati ukuba siyalwakha udonga, wasuka wavutha umsindo wakhe, waqumba kunene, wawangcikiva amaYuda.
-
2
|Nehemías 4:2|
Wathetha phambi kwabazalwana bakhe nempi yakwaSamari, wathi, Enza ntoni na la maYuda antshwenyileyo? ozinqabisa na? obingelela na? ogqiba namhla na? owavusa na amatye kwezi mfumba zothuli, etshile nje?
-
3
|Nehemías 4:3|
Ke uTobhiya umAmon, engakuye, wathi, Nale nto ayakhayo, kungathi kunyuke impungutye le, iluqhekeze udonga lwawo lwamatye.
-
4
|Nehemías 4:4|
Yiva, Thixo wethu; ngokuba sideliwe, ukubuyisele ezintlokweni zabo ukungcikiva kwabo, ubanikele ekuphangweni elizweni labathinjwa.
-
5
|Nehemías 4:5|
Musa ukubuselela ubugwenxa babo; musa ukusicima isono sabo phambi kwakho; ngokuba bakuqumbisile phambi kwabakhi.
-
6
|Nehemías 4:6|
Salwakha ke udonga, lwadityaniswa lonke udonga, kwesa esiqingatheni sokuphakama kwalo. Abantu babenentliziyo yokusebenza.
-
7
|Nehemías 4:7|
Kwathi, akuva uSanebhalati, noTobhiya, nama-Arabhi, nama-Amon, nama-Ashdode, ukuba ziyenyuswa iindonga zeYerusalem; ukuba ziqaliwe, ziyavingcwa iintanda: wavutha umsindo wabo kunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7