-
-
Xhosa
-
-
20
|Nehemías 2:20|
Ndabaphendula, ndathi kubo, UThixo wamazulu nguye oya kusiphumelelisa; thina bakhonzi bakhe siya kusuka sakhe; ke nina aninasabelo nalungelo nasikhumbuzo eYerusalem.
-
1
|Nehemías 3:1|
Wesuka ke uEliyashibhi umbingeleli omkhulu, nabazalwana bakhe ababingeleli, balakha isango lempahla emfutshane; balingcwalisa bona; bazi misa iingcango zalo, bakha besa enqabeni ende yeMeha, bayingcwalisa, besa enqabeni ende kaHananeli.
-
2
|Nehemías 3:2|
Ngakuye kwakusakha amadoda aseYeriko; ngakuwo kwakusakha uZakure unyana kaImri.
-
3
|Nehemías 3:3|
Oonyana bakaSenaha balakha isango leentlanzi; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo.
-
4
|Nehemías 3:4|
Ngakubo kwakulungiswa nguMeremoti unyana kaUriya, unyana kaHakotse; ngakubo kulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, unyana kaMeshezabheli; ngakubo kulungiswa nguTsadoki unyana kaBhahana;
-
5
|Nehemías 3:5|
ngakubo kulungiswa ngabaseTekowa; ke iingangamsha zabo azizingenisanga zona iintamo zazo enkonzweni yeNkosi yazo.
-
6
|Nehemías 3:6|
Isango lodonga oludala lalilungiswa ngoYoyada unyana kaPaseha, noMeshulam unyana kaBhesodiya; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
-
7
|Nehemías 3:7|
Ngakubo kwakulungiswa nguMelatiya waseGibheyon, noYadon waseMeronoti, namadoda aseGibheyon nawaseMizpa; kwesa esihlalweni sebamba langaneno koMlambo.
-
8
|Nehemías 3:8|
Ngakuye kwakulungiswa ngu-Uziyeli unyana kaHarehaya, weengcibi zegolide; ngakuye kulungiswa nguHananiya unyana wabaqholi; bayakha iYerusalem, basa eludongeni olubanzi.
-
9
|Nehemías 3:9|
Ngakubo kwakulungiswa nguRefaya unyana kaHure, umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7