-
-
Xhosa
-
-
15
|Nehemías 5:15|
Ke amabamba okuqala abephambi kwam enza kwaba nzima ebantwini, athabatha kubo isonka newayini; emveni koko athabatha amashumi amane eeshekele zesilivere; kananjalo amadodana akwawo enza ngegunya ebantwini. Ke mna andenjanga njalo, ngokoyika uThixo.
-
16
|Nehemías 5:16|
Kananjalo ndabamba emsebenzini wolo donga; asithenganga masimi; onke amadodana akwam ayehlanganisene khona emsebenzini.
-
17
|Nehemías 5:17|
Ke amaYuda, abaphathi, amadoda alikhulu elinamanci mahlanu, kwanawezayo kuthi, evela ezintlangeni ezisijikelezileyo, abe esetafileni yam.
-
18
|Nehemías 5:18|
Into ebe ilungiselelwa imini enye yaba yinkomo, neegusha ezikhethiweyo ezintandathu, neentaka, bekusenzelwa mna; neentlobo zonke ezininzi zewayini ngeentsuku ezilishumi; kuloo nto andibizanga kudla kwabamba, ngokuba yayinzima inkonzo phezu kwaba bantu.
-
19
|Nehemías 5:19|
Ndikhumbulele okulungileyo, Thixo wam, ngako konke endikwenzele aba bantu.
-
1
|Nehemías 6:1|
Kwathi, kwakuvakala kuSanebhalati, nakuTobhiya, nakuGeshem umArabhi, nakwezinye iintshaba zethu, ukuba ndilwakhile udonga, akwasala luthanda kulo (nakuba kwada kwalelo xesha ndingazimisanga iingcango emasangweni),
-
2
|Nehemías 6:2|
bathumela kum uSanebhalati noGeshem, besithi, Yiza, sihlangane komnye wemizana esesihlanjeni seOno. Babecinga ukundenza into embi.
-
3
|Nehemías 6:3|
Ndathumela abathunywa kubo, ndathi, Ndenza umsebenzi omkhulu, andinakuhla; yini na ukuba ume umsebenzi lo, ngokuthi ndiwuyeke, ndihle ndize kuni?
-
4
|Nehemías 6:4|
Bathumela kum ngokunjalo izihlandlo zazine, ndabaphendula kwangelo lizwi.
-
5
|Nehemías 6:5|
USanebhalati wathumela ngokunjalo kum indodana yakwakhe, isihlandlo sesihlanu, inencwadi evulekileyo esandleni sayo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7