-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Proverbios 28:1|
Basaba bengasukelwa nto abangendawo; Ke wona amalungisa akholosa njengengonyama.
-
2
|Proverbios 28:2|
Ngokreqo lwelizwe baba baninzi abathetheli balo; Ngomntu onengqondo, onokwazi, ukuzinza kwalo kuyoluka.
-
3
|Proverbios 28:3|
Umfo oyintloko ekucudiseni izisweli Yimwula etshayelayo, ingasalisi kudla.
-
4
|Proverbios 28:4|
Abashiya umyalelo badumisa abangendawo; Ke abawugcinayo umyalelo bayazixhokonxa ngabo.
-
5
|Proverbios 28:5|
Abantu abanobubi abakuqondi okusesikweni; Ke bona abamquqelayo uYehova baqonda izinto zonke.
-
6
|Proverbios 28:6|
Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo, Ngaphezu komjibilizi ondlela mbini, nakuba esisityebi.
-
7
|Proverbios 28:7|
Obamba umyalelo ngunyana onengqondo; Ke olikholwane labachithi uhlaza uyise.
-
8
|Proverbios 28:8|
Owongeza ubuncwane bakhe ngokudla abanye, nangolwandiso, Ubuthela obabala izisweli.
-
9
|Proverbios 28:9|
Osusa indlebe yakhe ekusiphulaphuleni isiyalo, Kwanomthandazo wakhe ulisikizi.
-
10
|Proverbios 28:10|
Obalahlekisayo abathe tye ngendlela enobubi, Kuya kweyela yena esihogweni sakhe, Bona abagqibeleleyo bakudle ilifa okulungileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40