-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Proverbios 28:11|
Ilumkile indoda esisityebi kwawayo amehlo; Ke isisweli esinengqondo siyayigocagoca.
-
12
|Proverbios 28:12|
Ekudlamkeni kwamalungisa kwanda uzuko; Ekuphakameni kwabangendawo, abaveli nokuvela abantu.
-
13
|Proverbios 28:13|
Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; Ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.
-
14
|Proverbios 28:14|
Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya; Ke yena ontliziyo ilukhuni uya kweyela ebubini.
-
15
|Proverbios 28:15|
Uyingonyama egqumayo, uyibhere ebhaduliswa kukulamba, Umlawuli ongendawo kubantu abazizisweli.
-
16
|Proverbios 28:16|
Hayi, inganga iswele ukuqonda, enokucudisa okuninzi! Othiye inzuzo embi wolula imihla yakhe.
-
17
|Proverbios 28:17|
Umntu onovalo ngegazi lomphefumlo Usabela nasemhadini makangabanjezelwa.
-
18
|Proverbios 28:18|
Ohamba ngengqibelelo uya kusindiswa, Ke umjibilizi ondlela mbini weyela okukanye.
-
19
|Proverbios 28:19|
Owusebenzayo umhlaba wakhe uya kuhlutha sisonka; Osukela izinto ezingento uya kuhlutha bubuhlwempu.
-
20
|Proverbios 28:20|
Indoda enyanisekileyo ineentsikelelo ezininzi; Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40