-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Proverbios 24:2|
Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa, Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula.
-
3
|Proverbios 24:3|
Indlu yona yakhiwa ngobulumko; Izinziswe ngengqondo;
-
4
|Proverbios 24:4|
Ngokwazi kuzaliswa amaqonga Bubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi.
-
5
|Proverbios 24:5|
Umfo osisilumko unamandla, Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu;
-
6
|Proverbios 24:6|
Ngokuba, ukhokelwe bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho; Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi.
-
7
|Proverbios 24:7|
Ubulumko bunqabile kwisimathane; Asiwuvuli umlomo waso esangweni.
-
8
|Proverbios 24:8|
Ocinga ngokwenza ububi, Lowo bathi ukumbiza nguMayelenqe.
-
9
|Proverbios 24:9|
Iyelenqe lesimathane sisono; Ulisikizi ebantwini umgxeki.
-
10
|Proverbios 24:10|
Uthe waphelelwa ngemini yembandezelo, Oba ebandezelwe amandla akho.
-
11
|Proverbios 24:11|
Hlangula abasiwa ekufeni; Nabajingxela baye ekubulaweni, khawubanqande.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7