-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
22
|Proverbios 24:22|
Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo; Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?
-
23
|Proverbios 24:23|
Nala mazwi ngawezilumko: Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.
-
24
|Proverbios 24:24|
Othi kongendawo, Ulilungisa wena, Ziya kumqalekisa izizwe; ziya kumbhavumela iintlanga.
-
25
|Proverbios 24:25|
Kuya kuba mnandi kwabamohlwayayo; Kubo koza intsikelelo enokulungileyo.
-
26
|Proverbios 24:26|
Wanga imilebe yomlomo Ophendula ngamazwi athe gca.
-
27
|Proverbios 24:27|
Lilungise ishishini lakho phandle, Uzisebenzele entsimini yakho; Emveni koko wakhe indlu yakho.
-
28
|Proverbios 24:28|
Musa ukuba lingqina ngommelwane wakho ngaphandle kwesizathu; Ungasuka uthomalalise na nangomlomo wakho?
-
29
|Proverbios 24:29|
Musa ukuthi, Njengoko enze ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye, Ndiya kubuyisela indoda ngokomsebenzi wayo.
-
30
|Proverbios 24:30|
Ndagqitha entsimini yendoda elivila, Nasesidiliyeni somntu oswele ingqondo,
-
31
|Proverbios 24:31|
Ndafika simile imithuma sonke siphela; Ngaphezulu senile ngamarhawu, Nodonga lwaso lwamatye ludilikile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5