-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Proverbios 24:12|
Nokuba uthi, Yabona besingakwazi oko: Umlinganiseli weentliziyo yena akakuqondi na? Umgcini womphefumlo akakwazi na? Akayi kumbuyisela umntu ngokomsebenzi wakhe, yini na?
-
13
|Proverbios 24:13|
Yidla ubusi, nyana wam, kuba bulungile; Nencindi imnandi ekhuhlangubeni lakho.
-
14
|Proverbios 24:14|
Bazi ke ubulumko emphefumlweni wakho; Ukuba uthe wabufumana, kobakho ikamva, Linganqunyulwa ithemba lakho.
-
15
|Proverbios 24:15|
Wena ungendawo, musa ukulilalela ikhaya lelungisa, Ungasibhuqi isikhundla salo;
-
16
|Proverbios 24:16|
Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke; Ke abangendawo bakhubeka phantsi kwenkxwaleko.
-
17
|Proverbios 24:17|
Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho, Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo;
-
18
|Proverbios 24:18|
Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe, Awubuyise umsindo wakhe kulo.
-
19
|Proverbios 24:19|
Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi, Ungabamoneli abangendawo;
-
20
|Proverbios 24:20|
Kuba umenzi wobubi akayi kuba nakamva; Isibane sabangendawo siya kucinywa.
-
21
|Proverbios 24:21|
Nyana wam, moyike uYehova nokumkani, Ungazibandakanyi nabanokumbi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7