-
-
Xhosa
-
-
10
|Romanos 7:10|
waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni.
-
11
|Romanos 7:11|
Kuba isono sithe, sizuze ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala.
-
12
|Romanos 7:12|
Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.
-
13
|Romanos 7:13|
Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.
-
14
|Romanos 7:14|
Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono.
-
15
|Romanos 7:15|
Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza;
-
16
|Romanos 7:16|
ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle.
-
17
|Romanos 7:17|
Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.
-
18
|Romanos 7:18|
Kuba ndiyazi ukuba ngaphakathi kwam, oko kukuthi enyameni yam, akumi okulungileyo; kuba ukuthanda kukho ukubakho oku kum; ke kona ukukusebenza okuhle andikufumani.
-
19
|Romanos 7:19|
Kuba okulungileyo endikuthandayo, andikwenzi; khona okubi, endingakuthandiyo, oko ndiyakwenza.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10