-
-
Xhosa
-
-
3
|Zacarías 10:3|
Umsindo wam uvuthela abalusi; ndozivelela ngawo iinkunzi ezikhokelayo; kuba uYehova wemikhosi uyawuvelela umhlambi wakhe, indlu kaYuda, abenze babe njengogcadalala lwakhe lwehashe emfazweni.
-
4
|Zacarías 10:4|
Kuya kuphuma kuye ilitye lembombo; kuya kuphuma kuye ibhaxa; kuya kuvela kuye isaphetha sokulwa; kuya kuvela kuye bonke abakhandanisi ngakunye.
-
5
|Zacarías 10:5|
Baya kuba njengamagorha, enyathelela iintshaba zawo eludakeni lwezitrato, kusiliwa; balwe, ngokuba uYehova enabo; badane abakhweli bamahashe.
-
6
|Zacarías 10:6|
Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibahlalise; kuba ndisikwa yimfesane ngenxa yabo; boba ngangabo ndingabahlambanga, ngokuba ndinguYehova uThixo wabo ndobaphendula.
-
7
|Zacarías 10:7|
Woba njengegorha uEfrayim, ivuye intliziyo yabo ngokwasewayinini; oonyana babo babone, bavuye; iya kugcoba intliziyo yabo kuYehova.
-
8
|Zacarías 10:8|
Ndiya kubenzela ikhwelo, ndibabuthe; ngokuba ndibakhulule ngokubahlawulela; baya kwanda, njengoko babesanda ngako.
-
9
|Zacarías 10:9|
Ndobahlwayela ezizweni, bandikhumbule emazweni akude, baphile noonyana babo, babuye.
-
10
|Zacarías 10:10|
Ndobabuyisa ezweni laseYiputa, ndibabuthe eAsiriya, ndibazise ezweni laseGiliyadi nelaseLebhanon, kungafumaneki ndawo ibalingeneyo.
-
11
|Zacarías 10:11|
UYehova uya kucanda kulwandle lwembandezelo, abethe emazeni olwandle, zitshe zonke iziziba zoMnayile; lithotywe iqhayiya laseAsiriya, imke intonga yaseYiputa.
-
12
|Zacarías 10:12|
Ndobomeleza ngoYehova, bahambahambe egameni lakhe; utsho uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7