-
-
Xhosa
-
-
1
|Zacarías 11:1|
Vula amasango akho, Lebhanon, uyitshise ngomlilo imisedare yakho.
-
2
|Zacarías 11:2|
Bhomboloza, msipres, ngokuba kuwe umsedare, ngenxa yokuba iingangamsha zibhuqiwe. Bhombolozani, mioki yaseBhashan, ngokuba lihlahliwe ihlathi elinwabileyo.
-
3
|Zacarías 11:3|
Yivani ukubhomboloza kwabalusi, ngokuba bubhuqiwe ubungangamsha babo! Yivani ukubharhula kweengonyama ezintsha, ngokuba libhuqiwe iqhayiya laseYordan!
-
4
|Zacarías 11:4|
Watsho uYehova uThixo wam, ukuthi, Yalusa umhlambi wezixhelwayo;
-
5
|Zacarías 11:5|
obathengi bawo bawubulalayo, bathi abanatyala; nabathengisa ngawo bathi, Makabongwe uYehova, ndinobutyebi; nabalusi bawo abawucongi.
-
6
|Zacarías 11:6|
Ngokuba andiyi kubuya ndibaconge abemi behlabathi; utsho uYehova. Yabona, abantu ndibanikela, elowo esandleni sommelwane wakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, baliqobe ilizwe, ndingabahlanguli esandleni sabo.
-
7
|Zacarías 11:7|
Ndawalusa ke umhlambi wezixhelwayo, kunye nezinqinileyo zomhlambi. Ndathabatha iintonga zambini, enye ndathi nguMnandi, enye ndathi nguZintya; ndawalusa ke umhlambi.
-
8
|Zacarías 11:8|
Ndabetha bathishwaka abalusi abathathu nganyanga-nye; ndazekaneka ngabo, ndanezothe kubo.
-
9
|Zacarías 11:9|
Ndathi, Andiyi kunalusa; efayo mayife; nethi shwaka mayithi shwaka, neziseleyo mazidlane inyama.
-
10
|Zacarías 11:10|
Ndathabatha intonga yam, uMnandi, ndayaphula, ukuze ndiwaphule umnqophiso wam endanqophisana ngawo nezizwe zonke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10