-
-
Xhosa
-
-
11
|Zacarías 11:11|
Waphulwa ke ngaloo mini; zazi ngokunjalo ezinqinileyo zomhlambi, ebe zindiphulaphule, ukuba lilizwi likaYehova eli.
-
12
|Zacarías 11:12|
Ndathi kuwo, Ukuba kulungile emehlweni enu, etheni umvuzo wam; ukuba akulungile, yekani. Bandilinganisela ke umvuzo wam, amashumi amathathu esilivere.
-
13
|Zacarías 11:13|
Wathi uYehova kum, Yiphose kumbumbi, ixabiso elingengangani, abandimisela lona. Ndawathabatha ke amashumi amathathu esilivere, ndawaphosa kumbumbi endlwini kaYehova.
-
14
|Zacarías 11:14|
Ndayaphula intonga yam yesibini, uZintya, ukuze ndibutshitshise ubuzalwana phakathi koYuda noSirayeli.
-
15
|Zacarías 11:15|
Wathi uYehova kum, Phinda uthabathe impahla yomalusi osisimathane.
-
16
|Zacarías 11:16|
Ngokuba, yabona, ndivelisa umalusi elizweni apha, ongayi kuzivelela eziza kuthi shwaka; akayi kuzifuna ezilusali; akayi kuziphilisa ezaphukileyo; akayi kuzondla ezimiyo; inyama yezityebileyo uya kuyidla, awalimaze amanqina azo.
-
17
|Zacarías 11:17|
Yeha, umalusi ongento, owulahlayo umhlambi! Ikrele malibe phezu kwengalo yakhe, neliso lakhe lasekunene! Ingalo yakhe iya koma kanye, neliso lakhe lasekunene licime okukanye.
-
1
|Zacarías 12:1|
Isihlabo selizwe likaYehova, esisingisele kuSirayeli. Utsho uYehova, umaneki wezulu, umseki wehlabathi, umenzi womoya womntu phakathi kwakhe, ukuthi,
-
2
|Zacarías 12:2|
Yabona, iYerusalem ndiyenza ibe yindebe enombilini, yokuhexisa zonke izizwe ngeenxa zonke, imfikele noYuda ekungqingweni kweYerusalem.
-
3
|Zacarías 12:3|
Kothi ngaloo mini, ndiyenze iYerusalem ibe lilitye elingumthwalo ezizweni zonke; bonke abalifunqulayo baya kuzisikisa, bazilimazise, ziyihlanganyele zonke iintlanga zehlabathi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10