-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Mateus 16:1|
Baza bafika abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma emazulwini.
-
2
|Mateus 16:2|
Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu.
-
3
|Mateus 16:3|
Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula?
-
4
|Mateus 16:4|
Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya wemka.
-
5
|Mateus 16:5|
Bakufika ke abafundi bakhe ngaphesheya, bathi kanti bakulibele ukuphatha izonka.
-
6
|Mateus 16:6|
Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi.
-
7
|Mateus 16:7|
Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Utsho ngokuba singaphathanga zonka.
-
8
|Mateus 16:8|
Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka?
-
9
|Mateus 16:9|
Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo?
-
10
|Mateus 16:10|
Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amane, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo?
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22