-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Mateus 20:1|
Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe.
-
2
|Mateus 20:2|
Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe.
-
3
|Mateus 20:3|
Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi.
-
4
|Mateus 20:4|
Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya.
-
5
|Mateus 20:5|
Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo.
-
6
|Mateus 20:6|
Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini iphela ningasebenzi?
-
7
|Mateus 20:7|
Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; niya kwamkela okusukuba kufanelekile.
-
8
|Mateus 20:8|
Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala.
-
9
|Mateus 20:9|
Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo.
-
10
|Mateus 20:10|
Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22