-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Mateus 23:1|
Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe,
-
2
|Mateus 23:2|
esithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses.
-
3
|Mateus 23:3|
Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi.
-
4
|Mateus 23:4|
Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo.
-
5
|Mateus 23:5|
Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawenze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo.
-
6
|Mateus 23:6|
Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu,
-
7
|Mateus 23:7|
nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi.
-
8
|Mateus 23:8|
Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana.
-
9
|Mateus 23:9|
Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini.
-
10
|Mateus 23:10|
Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22