-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Mateus 7:1|
Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa.
-
2
|Mateus 7:2|
Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
-
3
|Mateus 7:3|
Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso?
-
4
|Mateus 7:4|
Okanye ungathini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nango umqadi kwelakho iliso?
-
5
|Mateus 7:5|
Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.
-
6
|Mateus 7:6|
Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.
-
7
|Mateus 7:7|
Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;
-
8
|Mateus 7:8|
kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.
-
9
|Mateus 7:9|
Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye?
-
10
|Mateus 7:10|
Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka?
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21