-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Mateus 17:1|
Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros, noYakobi, noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ephakamileyo bebodwa.
-
2
|Mateus 17:2|
Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya.
-
3
|Mateus 17:3|
Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye.
-
4
|Mateus 17:4|
Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.
-
5
|Mateus 17:5|
Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.
-
6
|Mateus 17:6|
Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu.
-
7
|Mateus 17:7|
Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki.
-
8
|Mateus 17:8|
Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa.
-
9
|Mateus 17:9|
BakubonÂ’ ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.
-
10
|Mateus 17:10|
Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22