-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Mateus 27:1|
Kuthe ke kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale.
-
2
|Mateus 27:2|
Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.
-
3
|Mateus 27:3|
Waza uYuda, lowo wamngcatshayo, ebone ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela kwakubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu loo maqhosha esilivere amashumi mathathu,
-
4
|Mateus 27:4|
esithi, Ndonile, kuba ndingcatshe igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto? Zibonele wena.
-
5
|Mateus 27:5|
Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma.
-
6
|Mateus 27:6|
Ke kaloku ababingeleli abakhulu bawathabatha loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuwagalela emkhombeni weminikelo, ngokokuba elinani legazi.
-
7
|Mateus 27:7|
Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.
-
8
|Mateus 27:8|
Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.
-
9
|Mateus 27:9|
Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, abammisela inani aboonyana bakaSirayeli,
-
10
|Mateus 27:10|
bawarholela umhlaba wombumbi, njengoko yandiyalelayo iNkosi.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21