-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Mateus 8:1|
Ke kaloku, akuhla entabeni apho, walandelwa ngabantu abaninzi.
-
2
|Mateus 8:2|
Nanko kusiza oneqhenqa, waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula.
-
3
|Mateus 8:3|
Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lahlambuluka kwaoko iqhenqa lakhe.
-
4
|Mateus 8:4|
Athi uYesu kuye, Lumka angaxeleli bani; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze umnikelo awamisa wona uMoses, ube bubungqina kubo.
-
5
|Mateus 8:5|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uYesu ungene eKapernahum, kweza kuye umthetheli-khulu embongoza,
-
6
|Mateus 8:6|
esithi, Nkosi, isicaka sam silele ngendlu, sinedumbe, sithuthunjelwa ngokoyikekayo.
-
7
|Mateus 8:7|
Athi uYesu kuye, Ndoza ndisiphilise mna.
-
8
|Mateus 8:8|
Waphendula umthetheli-khulu, wathi, Nkosi, andikulingene ukuba ude ungene phantsi kophahla lwam; thetha ilizwi lodwa, sophiliswa isicaka sam.
-
9
|Mateus 8:9|
Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kwisicaka sam, Yenza oku, sikwenze.
-
10
|Mateus 8:10|
Evile ke uYesu wamangaliswa, wathi kwabalandelayo, Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21