-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
51
|Mateus 26:51|
Wesuka omnye wabo babenoYesu, wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.
-
52
|Mateus 26:52|
Aze athi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.
-
53
|Mateus 26:53|
Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini?
-
54
|Mateus 26:54|
Bezingathini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?
-
55
|Mateus 26:55|
Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba.
-
56
|Mateus 26:56|
Oku ke konke kwenzeke, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka.
-
57
|Mateus 26:57|
Abo ke bambambayo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu.
-
58
|Mateus 26:58|
Ke kaloku uPetros wayemlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo.
-
59
|Mateus 26:59|
Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga;
-
60
|Mateus 26:60|
nangona afikayo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini,
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21