-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 10:11|
Kwathi, bakumbona bonke ababemazi ngaphambili, eprofeta ndawonye nabaprofeti, bathi abantu omnye komnye, Uhliwe yintoni na unyana kaKishe? Ukubaprofeti noSawule na?
-
12
|1 Samuel 10:12|
Waphendula umntu wakhona, wathi, Ngubani na uyise wabo? Ngenxa yoko kwabakho umzekeliso wokuthi, Ukubaprofeti noSawule na?
-
13
|1 Samuel 10:13|
Wagqiba ukuprofeta, waya esigangeni.
-
14
|1 Samuel 10:14|
Wathi uyisekazi kaSawule kuye, nakumfana lowo, Beniye phi na? Wathi, Besifuna iimazi zamaesile; sakubona ukuba asizifumani, saya kuSamuweli.
-
15
|1 Samuel 10:15|
Wathi uyisekazi kaSawule, Khawundixelele ukuba utheni na uSamuweli kuni.
-
16
|1 Samuel 10:16|
Wathi uSawule kuyisekazi, Usixelele ukuba zifunyenwe iimazi zamaesile. Ke ngobukumkani, abethethe ngabo uSamuweli, akamxelelanga nto.
-
17
|1 Samuel 10:17|
Ke kaloku uSamuweli wabahlabela umkhosi abantu;
-
18
|1 Samuel 10:18|
beza kuYehova eMizpa. Wathi koonyana bakaSirayeli, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndawanyusa mna amaSirayeli eYiputa, ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sezikumkani zonke ezanixinayo.
-
19
|1 Samuel 10:19|
Namhla ke nimcekisile nina uThixo wenu, owanisindisayo ebubini benu bonke, nasekubandezelweni konke, nathi kuye, Simisele ukumkani phezu kwethu. Kaloku ke zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu, nangokwamawaka enu.
-
20
|1 Samuel 10:20|
Wazisondeza ke uSamuweli zonke izizwe zakwaSirayeli, kwathatyathwa isizwe sakwaBhenjamin.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21