-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 16:1|
Wathi uYehova kuSamuweli, Uya kumlilela kude kube nini na uSawule, ndimcekisile nje ukuba angabi kumkani kumaSirayeli? Zalisa isigodlo sakho ngeoli, uhambe; ndiya kukuthumela kuYese waseBhetelehem; ngokuba ndizibonele ukumkani koonyana bakhe.
-
2
|1 Samuel 16:2|
Wathi uSamuweli, Ndothini na ukuya? USawule uya kuva, andibulale. Wathi uYehova, Thabatha ithokazi lenkomo uye nalo, uthi, Ndize kubingelela kuYehova.
-
3
|1 Samuel 16:3|
Ummemele embingelelweni uYese; ndokwazisa mna into owoyenza, undithambisele endiya kuthetha kuwe ngaye.
-
4
|1 Samuel 16:4|
Wakwenza uSamuweli akuthethileyo, waya eBhetelehem. Othuka ke amadoda amakhulu omzi, eza kumkhawulela, athi, Uza uxolile na?
-
5
|1 Samuel 16:5|
Wathi, Ndixolile; ndize kubingelela kuYehova; zingcwaliseni, nize nam embingelelweni. Wamngcwalisa uYese noonyana bakhe, wabamemela embingelelweni.
-
6
|1 Samuel 16:6|
Kwathi, ekuzeni kwabo, wabona uEliyabhi, wathi, Inene, uphambi koYehova umthanjiswa wakhe.
-
7
|1 Samuel 16:7|
Wathi uYehova kuSamuweli, Musa ukukhangela imbonakalo yakhe, nokuphakama kwesithomo sakhe, ngokuba ndimcekisile. Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.
-
8
|1 Samuel 16:8|
UYese wabiza uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamuweli. Wathi, Nalo uYehova akamnyulanga.
-
9
|1 Samuel 16:9|
UYese wagqithisa uShama. Wathi, Nalo uYehova akamnyulanga.
-
10
|1 Samuel 16:10|
UYese wagqithisa ke oonyana bakhe abasixhenxe phambi koSamuweli. Wathi uSamuweli kuYese, Aba uYehova akabanyulanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7