-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 3:1|
Ke kaloku umntwana uSamuweli wayelungiselela kuYehova phambi koEli. Ilizwi likaYehova laliswelekile ngaloo mihla; kwakungekho mbono utyhilekileyo.
-
2
|1 Samuel 3:2|
Kwathi ngaloo mhla, elele uEli endaweni yakhe, amehlo akhe eqale ukuba norhatyazo ukuba angabi nakubona,
-
3
|1 Samuel 3:3|
singekacinywa isibane sikaThixo, uSamuweli elele ebhotweni likaYehova, apho ibikhona ityeya kaThixo,
-
4
|1 Samuel 3:4|
uYehova wambiza uSamuweli; wathi yena, Ndilapha.
-
5
|1 Samuel 3:5|
Wabalekela kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga; buya uye kulala. Waya walala.
-
6
|1 Samuel 3:6|
Waqokela uYehova wambiza uSamuweli. Wavuka uSamuweli, waya kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga, nyana wam; buya uye kulala.
-
7
|1 Samuel 3:7|
Ke uSamuweli ebengekamazi uYehova, libe lingekatyhileki kuye ilizwi likaYehova.
-
8
|1 Samuel 3:8|
Waqokela uYehova wambiza uSamuweli okwesithathu. Wavuka weza kuEli, wathi kuye, Ndilapha; ngokuba undibizile. Waqonda uEli ukuba uYehova umbizile umntwana.
-
9
|1 Samuel 3:9|
Wathi uEli kuSamuweli, Hamba uye kulala; kothi, ukuba uthe wakubiza, uthi, Thetha, Yehova, ngokuba esiva umkhonzi wakho. Waya uSamuweli, walala endaweni yakhe.
-
10
|1 Samuel 3:10|
Weza uYehova, wema, wabiza njengezinye izihlandlo, wathi, Samuweli, Samuweli. Wathi uSamuweli, Thetha, ngokuba esiva umkhonzi wakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7