-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 6:1|
Ityeya kaYehova yaba semhlabeni wamaFilisti iinyanga ezisixhenxe.
-
2
|1 Samuel 6:2|
AmaFilisti abiza ababingeleli nabavumisi, esithi, Siyithini na ityeya kaYehova? Saziseni into esingayigodusa nayo, iye endaweni yayo.
-
3
|1 Samuel 6:3|
Bathi, Ukuba iyagoduswa ityeya yoThixo kaSirayeli, musani ukuyigodusa ilambatha; ukuyibuyisela kuye, noyibuyisela inedini letyala. Niya kuphiliswa; kuya kwandula ukwazeka kuni, ukuba bekungani na ukuba isandla sakhe singesuki kuni.
-
4
|1 Samuel 6:4|
Athi, Liyintoni na idini letyala esolibuyisela kuye? Bathi, Lingamathumba egolide amahlanu, neempuku zegolide ezintlanu, ngokwenani lezikhulu zamaFilisti; ngokuba sinye isibetho kuni nonke, nakwizikhulu zenu.
-
5
|1 Samuel 6:5|
Ize niyenze imifanekiso yamathumba enu, nemifanekiso yeempuku zenu ezilonakalisayo ilizwe, nimzukise uThixo kaSirayeli; mhlawumbi wosenza lula isandla sakhe kuni, nakoothixo benu, nakwilizwe lenu.
-
6
|1 Samuel 6:6|
Yini na ukuba niziqaqadekise iintliziyo zenu, njengokuba aziqaqadekisayo iintliziyo zawo amaYiputa noFaro? Akuthanga na, akuzenza izenzo ezincamisayo kuwo, amaYiputa awandulula amaSirayeli, emka ke?
-
7
|1 Samuel 6:7|
Thabathani ngoko, nenze inqwelo entsha, nithabathe iimazi ezimbini ezintsha ezanyisayo, ezingazanga zibekwe dyokhwe, nizibophe enqwelweni, niwanqande amathole azo kuzo, aye ekhaya.
-
8
|1 Samuel 6:8|
Noyithabatha ke ityeya kaYehova, niyibeke enqwelweni; neempahla zegolide enizibuyisela kuye, ezilidini letyala, nizibeke etyeyeni ecaleni layo, niyindulule ihambe.
-
9
|1 Samuel 6:9|
Nize nikhangele: ukuba ithe yenyuka ngendlela yomda wayo, yaya eBhete-shemeshe, woba nguye osenzele obu bubi bukhulu; ke ukuba kuthe akwabo njalo, sothi sazi ukuba asibethwe sisandla sakhe, sihlelwe sisihlo.
-
10
|1 Samuel 6:10|
Enjenjalo amadoda; athabatha iimazi ezintsha ezanyisayo zambini, azibopha enqwelweni, awavalela amathole azo ekhaya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7