-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 6:11|
Ayibeka ityeya kaYehova enqwelweni, netyeya ineempuku zegolide nemifanekiso yamathumba awo.
-
12
|1 Samuel 6:12|
Iimazi ezintsha zathi ngqo ngendlela, ngendlela yaseBhete-shemeshe, zahamba ngomendo, zihamba zinxakama, azanxaxhela ekunene nasekholo; izikhulu zamaFilisti zizilandela, zada zaya emdeni waseBhete-shemeshe.
-
13
|1 Samuel 6:13|
AbaseBhete-shemeshe babevuna ingqolowa entilini; bawaphakamisa amehlo abo, bayibona ityeya, bavuya bakuyibona.
-
14
|1 Samuel 6:14|
Inqwelo yafika entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe, yema khona. Bekukho ilitye elikhulu khona. Bayicanda imithi yenqwelo, bazinyusa iimazi ezintsha ezo zalidini elinyukayo kuYehova.
-
15
|1 Samuel 6:15|
AbaLevi bayithula ityeya kaYehova, netyeya ebinayo inempahla yegolide, bazibeka elityeni elo likhulu. Amadoda aseBhete-shemeshe ke anyusa amadini anyukayo, abingelela imibingelelo ngaloo mini kuYehova.
-
16
|1 Samuel 6:16|
Zabona izikhulu ezihlanu zamaFilisti, zabuyela e-Ekron kwangaloo mini.
-
17
|1 Samuel 6:17|
Ngawo la amathumba egolide awawabuyiselayo amaFilisti kuYehova, alidini letyala: elaseAshdode lalilinye, elaseGaza lalilinye, elaseAshkelon lalilinye, elaseGati lalilinye, elase-Ekron lalilinye;
-
18
|1 Samuel 6:18|
kunye neempuku zegolide ngokwenani lemizi yonke yamaFilisti yezikhulu ezihlanu, kuthabathela emizini enqatyisiweyo, kuse kwimizana yabasemaphandleni; kuse etyeni elikhulu, abayimisa kulo ityeya kaYehova, lilingqina unanamhla entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe.
-
19
|1 Samuel 6:19|
Wabetha emadodeni aseBhete-shemeshe, ngokuba ayikhangakhangelayo ityeya kaYehova; wabulala ebantwini abo amadoda angamashumi asixhenxe emadodeni angamawaka angamashumi amahlanu. Benza isijwili abantu, ngokuba uYehova ebabulele abantu ngobulalo olukhulu.
-
20
|1 Samuel 6:20|
Athi amadoda aseBhete-shemeshe, Ngubani na onako ukuma phambi koYehova, lo Thixo uyingcwele? Uya kunyuka aye kubani na, ukusuka kwakhe kuthi?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3