-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 22:1|
Wemka ke uDavide apho, wazisindisela emqolombeni waseAdulam. Beva abakhuluwa bakhe nendlu kayise yonke, behla baya kuye khona.
-
2
|1 Samuel 22:2|
Abuthelana kuye onke amadoda axinekileyo, namadoda onke anamatyala, namadoda onke anezikrokro; waba ngumthetheli wawo. Aba kuye amadoda akumakhulu amane.
-
3
|1 Samuel 22:3|
UDavide wemka khona, waya eMizpa kwaMowabhi, wathi kukumkani wakwaMowabhi, Makhe baphume ubawo noma, bahlale nani, ndide ndazi into aya kundenzela yona uThixo.
-
4
|1 Samuel 22:4|
Wabazisa phambi kokumkani wakwaMowabhi; bahlala naye yonke imihla abesemboniselweni uDavide.
-
5
|1 Samuel 22:5|
Wathi uGadi, umprofeti, kuDavide, Uze ungahlali emboniselweni; hamba uye ezweni lakwaYuda. Wahamba ke uDavide, waya ehlathini leHerete.
-
6
|1 Samuel 22:6|
Weva uSawule ukuba uyaziwa uDavide, namadoda abenaye. USawule ebehleli eGibheha phantsi komtamariske osemmangweni, intshuntshe yakhe isesandleni sakhe, abakhonzi bakhe bonke bemi ngakuye.
-
7
|1 Samuel 22:7|
Wathi uSawule kubakhonzi bakhe ababemi ngakuye, Khanive, nyana bakaBhenjamin, unyana kaYese woninika amasimi nezidiliya nonke niphela yini na; anenze abathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu nonke niphela yini na;
-
8
|1 Samuel 22:8|
ukuba nje nonke niphela nindicebe, kungabikho namnye uyityhilelayo indlebe yam ukunqophisana konyana wam nonyana kaYese, kungabikho namnye kuni ubuhlungu ngenxa yam, ayityhilele indlebe yam ukuba unyana wam umvusile umkhonzi wam, ukuba andilalele, njengoko kunjalo namhla?
-
9
|1 Samuel 22:9|
Waphendula uDowegi umEdom, obemiswe phezu kwabakhonzi bakaSawule, wathi, Ndimbonile unyana kaYese efika eNobhi, kuAhimeleki, unyana ka-Ahitubhi.
-
10
|1 Samuel 22:10|
Waza yena wambuzela kuYehova, wamnika umphako, wamnika nekrele likaGoliyati umFilisti.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7