-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 22:11|
Wathumela ukumkani, wambiza uAhimeleki unyana ka-Ahitubhi, umbingeleli, nendlu yonke kayise. Ababingeleli ababeseNobhi beza bonke kukumkani.
-
12
|1 Samuel 22:12|
Wathi uSawule, Khawuve, nyana ka-Ahitubhi. Wathi yena, Ndilapha, nkosi yam.
-
13
|1 Samuel 22:13|
Wathi uSawule kuye, Yini na ukuba nindicebe, wena nonyana kaYese, umnike isonka nekrele, umbuzele kuThixo, ukuba asuke andilalele, njengoko kunjalo namhla.
-
14
|1 Samuel 22:14|
UAhimeleki wamphendula ukumkani, wathi, Ngubani ke kubakhonzi bakho bonke othembeke njengoDavide, umyeni kukumkani, onokungena ephakathini lakho, ozukileyo endlwini yakho?
-
15
|1 Samuel 22:15|
Ndiyaqala yini na namhla ukumbuzela kuThixo? Makube lee oko kum; ukumkani makangamthwalisi lutho umkhonzi wakhe lo, nendlu yonke kabawo ngokuba umkhonzi wakho lo akazi lutho kuyo yonke le nto, nokuba loluncinane, nokuba lolukhulu.
-
16
|1 Samuel 22:16|
Wathi ukumkani, Uya kufa ufe, Ahimeleki, wena nendlu yonke kayihlo.
-
17
|1 Samuel 22:17|
Wathi ukumkani kwizigidimi zakhe ezibe zimi ngakuye, Jikani, nibabulale ababingeleli bakaYehova; kuba nesabo isandla sinoDavide, nangokuba babesazi oko wabalekayo yena, abayityhilela indlebe yam. Abavuma abakhonzi bokumkani ukusa isandla sabo, baxabele kubabingeleli bakaYehova.
-
18
|1 Samuel 22:18|
Wathi ukumkani kuDowegi, Jika wena, uxabele kubabingeleli. Wajika ke uDowegi umEdom, waxabela yena kubabingeleli, wabulala ngaloo mini amashumi asibhozo anamahlanu amadoda enxibe iefodi yelinen emhlophe.
-
19
|1 Samuel 22:19|
NeNobhi, umzi wababingeleli, wayitshabalalisa ngohlangothi lwekrele, ethabathela kwindoda ase kumfazi, ethabathela kwiintsapho ase kwiintsana, neenkomo, namaesile, neegusha, ngohlangothi lwekrele.
-
20
|1 Samuel 22:20|
Kwasinda unyana wamnye ka-Ahimeleki unyana ka-Ahitubhi, ogama belinguAbhiyatare; owabaleka walandela uDavide.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21