-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 9:1|
Kwakukho ndoda yakwaBhenjamin, igama lalinguKishe, unyana ka-Abhiyeli, unyana kaTserore, unyana kaBhekorati, unyana ka-Afiya, unyana womBhenjamin, indoda esisityebi.
-
2
|1 Samuel 9:2|
Yayinonyana ogama linguSawule, umfo omtsha, omhle, ebekungekho mfo phakathi koonyana bakaSirayeli umhle kunaye; ethabathela emagxeni akhe anyuse, ubemde kubantu bonke.
-
3
|1 Samuel 9:3|
Ke kaloku uKishe, uyise kaSawule, walahlekelwa ziimazi zakhe zamaesile. Wathi uKishe kuSawule unyana wakhe, Khawuthabathe omnye kubafana ahambe nawe, usuke uye kuzifuna iimazi zamaesile.
-
4
|1 Samuel 9:4|
Wacanda kweleentaba lakwaEfrayim, wacanda nasezweni laseShalisha; abazifumana. Wacanda nasezweni laseShahalim, azabakho; wacanda nasezweni lakwaBhenjamin, abazifumana.
-
5
|1 Samuel 9:5|
Bakufika ezweni lakwaTsufi, uSawule wathi kumfana obenaye, Hamba sibuye, hleze ubawo azincame iimazi zamaesile, abe nesithukuthezi ngathi.
-
6
|1 Samuel 9:6|
Wathi ke yena kuye, Uyabona ke, kulo mzi kukho umntu kaThixo; ngumntu ozukileyo; konke akuthethayo kuyenzeka ngenene. Makhe siye khona ke, mhlawumbi angasibonisa indlela yethu esohamba ngayo.
-
7
|1 Samuel 9:7|
Wathi uSawule kumfana lowo, Yabona, sihamba nje, siya kumnika ntoni na umntu lowo? Kuba isonka siphelile empahleni yethu; akukho sipho singasisa kumntu kaThixo. Into esinayo yintoni na?
-
8
|1 Samuel 9:8|
Waphinda umfana wamphendula uSawule, wathi, Nanku kufumaneke esandleni sam isahlulo sesine seshekele yesilivere; ndosinika umntu kaThixo, asibonise indlela yethu.
-
9
|1 Samuel 9:9|
Ngaphambili, kwaSirayeli, umntu xa aya kubuza kuThixo ubesithi, Hamba siye kwimboni; ngokuba onguprofeti namhla bekusithiwa yimboni ngenxa engaphambili.
-
10
|1 Samuel 9:10|
Wathi uSawule kumfana lowo, Lihle ilizwi lakho; hamba siye. Bahamba baya kuloo mzi, apho umntu kaThixo wayekhona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7