-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 26:1|
Beza abaseZifi kuSawule eGibhela, bathi, UDavide akazifihle endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, yini na?
-
2
|1 Samuel 26:2|
Wesuka uSawule, wehla waya entlango yeZifi, enamadoda angamawaka amathathu ahleliweyo akwaSirayeli, eya kufuna uDavide entlango yaseZifi.
-
3
|1 Samuel 26:3|
USawule wamisa endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, ngasendleleni. Ke uDavide wayehleli entlango; wabona ukuba uSawule uyamlandela entlango.
-
4
|1 Samuel 26:4|
UDavide wasusa iintlola, wazi ngazo ukuba uSawule uzile okunene.
-
5
|1 Samuel 26:5|
Wesuka uDavide, waya kuloo ndawo ebemise kuyo uSawule. Wayibona uDavide indawo alele kuyo uSawule, noAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi wakhe; uSawule elele ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, abantu bemise iintente ngeenxa zonke kuye.
-
6
|1 Samuel 26:6|
Waphendula uDavide, wathi kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi, unyana kaTseruya, umzalwana kaYowabhi, Ngubani na oya kuhla nam aye kuSawule empini? Wathi uAbhishayi, Mna ndohla nawe.
-
7
|1 Samuel 26:7|
Waya uDavide noAbhishayi ebantwini ebusuku. Nanko uSawule elele ubuthongo ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, igxunyekiwe intshuntshe yakhe emhlabeni ngasentlokweni yakhe; ke uAbhinere nabantu bakhe belele ngeenxa zonke kuye.
-
8
|1 Samuel 26:8|
Wathi uAbhishayi kuDavide, UThixo ulunikele namhla utshaba lwakho esandleni sakho; kaloku makhe ndimqhame nomhlaba ngentshuntshe ngasihlandlo sinye, ndingenzi zibe zibini kuye.
-
9
|1 Samuel 26:9|
Wathi uDavide kuAbhishayi, Musa ukumbulala; ngokuba ngubani na ongasa isandla kumthanjiswa kaYehova, aze abe msulwa?
-
10
|1 Samuel 26:10|
Wathi uDavide, Ehleli nje uYehova, ukuba akathanga uYehova ambulale, mhlawumbi kwafika imini yakhe wafa, mhlawumbi wehla waya emfazweni wabulawa:
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7