-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 26:11|
makube lee kum ngenxa kaYehova ukukha ndise isandla sam kumthanjiswa kaYehova. Khawuthabathe kaloku intshuntshe engasentlokweni yakhe, neselwa lamanzi, sihambe.
-
12
|1 Samuel 26:12|
Wayithabatha ke uDavide intshuntshe, neselwa lamanzi, engasentlokweni kaSawule; bemka, kungaboni mntu, kungazi mntu, kungavukanga mntu; ngokuba bonke babelele: kuba babewelwe bubuthongo obukhulu bukaYehova.
-
13
|1 Samuel 26:13|
Wawela uDavide, waya phesheya, wema encotsheni yentaba kude, lilikhulu ithuba phakathi kwabo.
-
14
|1 Samuel 26:14|
Wamemeza uDavide ebantwini nakuAbhinere unyana kaNere, esithi, Akuphenduli na, Abhinere? Waphendula uAbhinere, wathi, Ungubani na wena umemezayo kukumkani?
-
15
|1 Samuel 26:15|
Wathi uDavide kuAbhinere, Akuyiyo ndoda yini na? Ngubani na onjengawe kwaSirayeli? Yini na ke ukuba ungayigcini inkosi yakho ukumkani? Ngokuba kufike ubani wasebantwini, eza konakalisa ukumkani inkosi yakho.
-
16
|1 Samuel 26:16|
Asinto ilungileyo le uyenzileyo. Ehleli nje uYehova, ningoonyana bokufa, ningayigcinanga nje inkosi yenu, umthanjiswa kaYehova. Khangela kaloku, iphi na intshuntshe yokumkani, neselwa lamanzi elibe lingasentlokweni yakhe?
-
17
|1 Samuel 26:17|
Walazi uSawule ilizwi likaDavide, wathi, Lilizwi lakho na elo, nyana wam Davide? Wathi uDavide, Lilizwi lam, nkosi yam kumkani.
-
18
|1 Samuel 26:18|
Wathi, Yini na le nto inkosi yam imsukelayo umkhonzi wayo? Kuba ndeze ntoni na? Bubi buni na obusesandleni sam?
-
19
|1 Samuel 26:19|
Ngoko inkosi yam ukumkani mayikhe iwaphulaphule amazwi omkhonzi wayo. Ukuba nguYehova okuxhokonxileyo ngakum, makasezele umnikelo wokudla; ukuba ngoonyana babantu, mabaqalekiswe phambi koYehova. Ngokuba bandigxothile namhla, ukuba ndingahlangani nelifa likaYehova, bathi, Hamba ukhonze thixo bambi.
-
20
|1 Samuel 26:20|
Ngoko malingaphalali igazi lam emhlabeni, ndikude nobuso bukaYehova; ngokuba kuphume ukumkani wamaSirayeli, weza kufuna intakumba embala, njengosukela isikhwatsha ezintabeni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19