-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 28:1|
Kwathi ngaloo mihla, amaFilisti ayihlanganisa yonke imikhosi yawo, ukuze aphume umkhosi aye kulwa namaSirayeli. Wathi uAkishe kuDavide, Yazi ngokuqinisekileyo ukuba uya kuphuma nomkhosi wam, wena namadoda akho.
-
2
|1 Samuel 28:2|
Wathi uDavide kuAkishe, Kaloku uya kuyazi into eya kwenziwa ngumkhonzi wakho. Wathi uAkishe kuDavide, Ngoko ke ndokumisa ube ngumgcini wentloko yam imihla yonke.
-
3
|1 Samuel 28:3|
Ke kaloku uSamuweli ubeselefile; abemmbambazelele onke amaSirayeli; abemngcwabele eRama, emzini wakhe. USawule ebebagxothile ezweni abaneshologu noosiyazi.
-
4
|1 Samuel 28:4|
Ahlanganisana ke amaFilisti, aya amisa eShunem. Wawahlanganisa uSawule amaSirayeli onke, amisa eGilibhowa.
-
5
|1 Samuel 28:5|
Wayibona uSawule impi yamaFilisti, woyika; yagubha intliziyo yakhe kunene.
-
6
|1 Samuel 28:6|
Wabuza uSawule kuYehova; uYehova akamphendula nangamaphupha, nangeeUrim, nangabaprofeti.
-
7
|1 Samuel 28:7|
Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Ndifuneleni inkazana eneshologu, ndiye kuyo, ndibuze kuyo. Bathi kuye abakhonzi bakhe, Nantsiya inkazana eneshologu e-Endore.
-
8
|1 Samuel 28:8|
USawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, waya enamadoda amabini. Baya bafika kwinkazana leyo ebusuku. Wathi, Khawundivumisele ngeshologu lakho, undinyusele lowo ndiya kuthetha yena kuwe.
-
9
|1 Samuel 28:9|
Yathi inkazana leyo kuye, Yabona uyakwazi nawe akwenzileyo uSawule, ukuba ubanqamle ezweni abaneshologu noosiyazi; yini na ukuba uwuthiyele umphefumlo wam, ukuze ndibulawe.
-
10
|1 Samuel 28:10|
USawule wayifungela uYehova, esithi, Ehleli nje uYehova, inene, akuyi kuba natyala ngale ndawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7