-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|1 Samuel 15:31|
Wabuya ke uSamuweli, walandela uSawule; uSawule wamnqula uYehova.
-
32
|1 Samuel 15:32|
Wathi uSamuweli, Mziseni apha kum uAgagi, ukumkani wama-Amaleki. Waya uAgagi kuye echwayithile. Wathi uAgagi, Inene, bugqithile ubukrakra bokufa.
-
33
|1 Samuel 15:33|
Wathi uSamuweli, Njengokuba ikrele lakho labahluthayo abafazi abantwana babo, uya kwenjiwa njalo unyoko phakathi kwabafazi, ukuhluthwa abantwana. USamuweli wamxhaxha uAgagi phambi koYehova eGiligali.
-
34
|1 Samuel 15:34|
Waya uSamuweli eRama; uSawule wenyuka waya endlwini yakhe eGibheha yakwaSawule.
-
35
|1 Samuel 15:35|
USamuweli akabuyanga abonane noSawule, kwada kwayimini yokufa kwakhe; kuba uSamuweli wamlilela uSawule. Wazohlwaya uYehova ngenxa yokuba ebemenze uSawule ukumkani kwaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3