-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 18:11|
USawule wabinza ngentshuntshe, wathi, Ndiya kumqhama nodonga uDavide. UDavide waphepha izihlandlo zazibini phambi kwakhe.
-
12
|1 Samuel 18:12|
USawule wamoyika uDavide, ngokuba uYehova ebenaye, emkile kuSawule.
-
13
|1 Samuel 18:13|
USawule wamsusa kuye, wammisa wangumthetheli wakhe wewaka; waphuma engena phambi kwabantu.
-
14
|1 Samuel 18:14|
UDavide wenza ngengqiqo ezindleleni zakhe zonke, uYehova waye enaye.
-
15
|1 Samuel 18:15|
Wabona uSawule ukuba unengqiqo enkulu, wanxunguphala bubuso bakhe;
-
16
|1 Samuel 18:16|
ke onke amaSirayeli namaYuda ebemthanda uDavide, ngokuba ebephuma engena phambi kwawo.
-
17
|1 Samuel 18:17|
Wathi uSawule kuDavide, Nantso intombi yam enkulu, uMerabhi; ndiya kunika ibe ngumkakho; kodwa yiba ngumfo onobukroti kum, ulwe iimfazwe zikaYehova. USawule ebesithi, Makungafiki esam isandla kuye, makufike esamaFilisti isandla kuye.
-
18
|1 Samuel 18:18|
Wathi uDavide kuSawule, Ndingubani na, ayintoni na amakowethu, iyini imizalwane kabawo kwaSirayeli, ukuba ndibe ngumyeni kukumkani?
-
19
|1 Samuel 18:19|
Kwathi ngexesha lokuba uMerabhi, intombi kaSawule, anikwe uDavide, wasuka wanikwa uAdriyeli waseMehola, ukuba abe ngumkakhe.
-
20
|1 Samuel 18:20|
UMikali, intombi kaSawule, yamthanda uDavide. Waxelelwa uSawule, yalunga loo nto emehlweni akhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19