-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|1 Samuel 2:31|
Yabona, imihla iyeza, endiya kuyinqumla ingalo yakho, nengalo yendlu kayihlo, kungabikho ngwevu endlwini kayihlo;
-
32
|1 Samuel 2:32|
ukubone ukubandezelwa kwekhaya lam ezintweni zonke uThixo aya kuwenzela okulungileyo ngazo amaSirayeli; kungabikho ngwevu endlwini yakho imihla yonke.
-
33
|1 Samuel 2:33|
Ke andiyi kunqumla mntu wonke wakwakho esibingelelweni sam, ukuze amehlo akho aphele, nomphefumlo wakho uthe; kufe kungamadoda konke ukwanda kwendlu yakho.
-
34
|1 Samuel 2:34|
Nguwo lo umqondiso kuwe, oya kubafikela oonyana bakho bobabini, uHofeni noPinehasi: baya kufa bobabini ngamhla mnye.
-
35
|1 Samuel 2:35|
Ndiya kuzivelisela umbingeleli othembekileyo, oya kwenza njengoko kusentliziyweni yam, nasemphefumlweni wam; ndimakhele indlu eqinileyo, ahambe phambi komthanjiswa wam yonke imihla.
-
36
|1 Samuel 2:36|
Kothi, lowo useleyo endlwini yakho, eze azigobe kuye ngenxa yeqhosha lesilivere nesuntswana lesonka, athi, Khawundifake komnye umsebenzi wobubingeleli, ukuze ndidle iqhekeza lesonka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21