-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 31:1|
AmaFilisti ke ayesilwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa angxwelerhiweyo ezintabeni zeGilibhowa.
-
2
|1 Samuel 31:2|
AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe; amaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.
-
3
|1 Samuel 31:3|
Kwaba nzima ukulwa kuSawule; bamfumana abatoli, amadoda anesaphetha, wathuthumela kakhulu ngenxa yabatoli.
-
4
|1 Samuel 31:4|
Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze aba bangalukileyo beze bandihlabe amahlanza, bafekethe ngam. Ke umphathi weentonga zakhe akavumanga; ngokuba ebesoyika kunene. Walithabatha ke uSawule ikrele, wawa phezu kwalo.
-
5
|1 Samuel 31:5|
Wabona umphathi weentonga zakhe ukuba ufile uSawule, wawa naye phezu kwekrele lakhe, wafa kunye naye.
-
6
|1 Samuel 31:6|
Wafa ke uSawule, noonyana bakhe bobathathu, nomphathi weentonga zakhe, namadoda akhe onke ngaloo mini, ndaweni-nye.
-
7
|1 Samuel 31:7|
Abona amadoda akwaSirayeli, abengaphesheya kwentili, nabengaphesheya kweYordan, ukuba asabile amadoda akwaSirayeli, ufile uSawule noonyana bakhe. Ayishiya imizi leyo, asaba; eza amaFilisti, ahlala kuyo.
-
8
|1 Samuel 31:8|
Kwathi ngengomso amaFilisti eza kubhunyula ababebulewe. Amfumana uSawule noonyana bakhe bobathathu, bewile ezintabeni zeGilibhowa.
-
9
|1 Samuel 31:9|
Amnqumla intloko, aziphanga iintonga zakhe, athumela elizweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba kushunyayelwe iindaba ezilungileyo ezindlwini zezithixo zawo nasebantwini.
-
10
|1 Samuel 31:10|
Azibeka iintonga zakhe ezindlwini zooAshtaroti; awubuthelela umzimba wakhe eludongeni lwaseBhete-shan.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7