-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 4:11|
Kwathinjwa netyeya yomnqophiso kaThixo; bafa oonyana bobabini bakaEli, uHofeni noPinehasi.
-
12
|1 Samuel 4:12|
Kwabaleka indoda yakwaBhenjamin, ivela emkhosini, yafika eShilo kwangaloo mini, iingubo zayo zikrazukile, inomhlaba entloko.
-
13
|1 Samuel 4:13|
Yafika; nanko uEli ehleli esihlalweni ecaleni kwendlela, ebonisela; ngokuba ibigubha intliziyo yakhe ngenxa yetyeya kaThixo. Yafika indoda leyo, yawuxelela umzi; wasitsho isililo wonke umzi.
-
14
|1 Samuel 4:14|
Waliva uEli izwi lesililo, wathi, Lelani na eli lizwi lale ntlokoma? Indoda leyo yakhawuleza, yeza yamxelela uEli.
-
15
|1 Samuel 4:15|
Ke kaloku uEli ebeminyaka imashumi asithoba anesibhozo ezelwe, amehlo akhe enorhatyazo, engenakubona.
-
16
|1 Samuel 4:16|
Yathi indoda leyo kuEli, Ndingulo uvela emkhosini mna, ndisabe emkhosini namhlanje. Wathi yena, Kuhle ntoni na, nyana wam?
-
17
|1 Samuel 4:17|
Waphendula umbiki, wathi, Asabile amaSirayeli phambi kwamaFilisti, kananjalo babulewe kakhulu abantu, kananjalo oonyana bakho bobabini bafile, ooHofeni noPinehasi; ityeya kaThixo ithinjiwe.
-
18
|1 Samuel 4:18|
Kwathi, akukhankanya ityeya kaThixo, wawa esihlalweni sakhe, eqethuka ngomva ngasecaleni kwesango, waphuka ilungu lentamo, wafa; ngokuba indoda leyo ibiselilixhego; inzima. Yayiwalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mane.
-
19
|1 Samuel 4:19|
Ke kaloku umolokazana wayo, umkaPinehasi, ebemithi, eza kuzala. Wathi akuziva iindaba zokuthinjwa kwetyeya kaThixo, nezokufa koyise wendoda nokwendoda yakhe, waguqa, wazala; ngokuba yamfikela inimba.
-
20
|1 Samuel 4:20|
Ngexesha lokufa kwakhe, abafazi ababemi phezu kwakhe bathetha, bathi, Musa ukoyika, ngokuba uzele unyana. Akaphendula, akakhathala koko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21