-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|1 Samuel 5:1|
AmaFilisti ayithabatha ityeya kaThixo, esuka nayo e-Ebhenezere, aya nayo eAshdode.
-
2
|1 Samuel 5:2|
Ayithabatha amaFilisti ityeya kaThixo, aya nayo endlwini kaDagon, ayimisa ecaleni koDagon.
-
3
|1 Samuel 5:3|
Bavuka kusasa ngengomso abaseAshdode, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova. Bamthabatha uDagon, babuya bammisa endaweni yakhe.
-
4
|1 Samuel 5:4|
Bavuka kusasa ngengomso, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova, intloko kaDagon nezandla zakhe zozibini zinqumkile, zisembundwini womnyango, kusele isikhondo sodwa.
-
5
|1 Samuel 5:5|
Ngenxa yoko ababingeleli bakaDagon, nabo bonke abangenayo endlwini kaDagon, abanyatheli embundwini womnyango wendlu kaDagon eAshdode unanamhla.
-
6
|1 Samuel 5:6|
Saba nzima isandla sikaYehova phezu kwabaseAshdode, sabaphanzisa, sababetha ngamathumba, iAshdode ke nemida yayo.
-
7
|1 Samuel 5:7|
Akubona amadoda aseAshdode ukuba kunjalo, athi, Ityeya yoThixo kaSirayeli mayingahlali kuthi; ngokuba isandla sakhe sinzima phezu kwethu, naphezu koDagon uthixo wethu.
-
8
|1 Samuel 5:8|
Athumela ahlanganisela kuwo zonke izikhulu zamaFilisti, athi, Siyithini na ityeya yoThixo kaSirayeli? Zathi, Mayijike iye eGati. Ayijika ke ityeya yoThixo kaSirayeli.
-
9
|1 Samuel 5:9|
Kwathi emveni kokujikwa kwayo, isandla sikaYehova saba phezu kwaloo mzi, sasisaqunge esikhulu kunene; wababulala abantu baloo mzi, kwathabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bathi gqobhogqobho amathumba.
-
10
|1 Samuel 5:10|
Bayithumela ityeya kaThixo e-Ekron. Kwathi, xa ifikayo ityeya kaThixo e-Ekron, bakhala abase-Ekron, besithi, Bayijikele kuthi ityeya yoThixo kaSirayeli, ukuba isibulale thina nabantu bakowethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7