-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|1 Samuel 8:11|
Wathi, Lilo eli isiko lokumkani oya kuba ngukumkani kuni: Oonyana benu uya kubathabatha abamisele yena ezinqwelweni zakhe zokulwa, nasemahasheni akhe akhwelwayo, babaleke phambi kwenqwelo yakhe;
-
12
|1 Samuel 8:12|
abamisele yena babe ngabathetheli bamawaka, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, balime amasimi akhe, bavune ukutya kwakhe, benze iimpahla zakhe zemfazwe neempahla zenqwelo yakhe.
-
13
|1 Samuel 8:13|
Iintombi zenu wozithabatha zibe ngabaqholikazi, nabapheki, nabosi bezonka.
-
14
|1 Samuel 8:14|
Amasimi enu wowathabatha, nezidiliya zenu, nezinquma zenu ezona zilungileyo, azinike abakhonzi bakhe;
-
15
|1 Samuel 8:15|
nesishumi sembewu yenu asibize, nesezidiliya zenu, asinike ababusi bakhe nabakhonzi bakhe.
-
16
|1 Samuel 8:16|
Abakhonzi benu uya kubathabatha, nabakhonzazana benu, namadodana enu, namaesile enu, enze umsebenzi wakhe;
-
17
|1 Samuel 8:17|
isishumi sempahla yenu emfutshane asibize; nina nibe ngabakhonzi bakhe.
-
18
|1 Samuel 8:18|
Niya kukhala ngaloo mini ngokumkani wenu enazinyulelayo, anganiphenduli uYehova ngaloo mini.
-
19
|1 Samuel 8:19|
Abavuma abantu ukuliphulaphula ilizwi likaSamuweli; bathi, Hayi, inene, masibe nokumkani;
-
20
|1 Samuel 8:20|
nathi sibe njengeentlanga ezi zonke, asilawule ukumkani wethu, aphume phambi kwethu, alwe iimfazwe zethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19