-
-
Xhosa
-
-
11
|2 Samuel 10:11|
Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakoyisa, ndoza kukusiza.
-
12
|2 Samuel 10:12|
Yomelela, somelele ngenxa yabantu bakowethu, nangenxa yemizi yoThixo wethu; uYehova enze oko kulungileyo emehlweni akhe.
-
13
|2 Samuel 10:13|
Weza uYowabhi nabantu ababenaye, walwa nama-Aram; asaba ebusweni bakhe.
-
14
|2 Samuel 10:14|
Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi, bangena ekhaya. Wabuya ke uYowabhi koonyana baka-Amon, weza eYerusalem.
-
15
|2 Samuel 10:15|
Abona ama-Aram ukuba agxothiwe phambi kwamaSirayeli, ahlanganisana ndawonye.
-
16
|2 Samuel 10:16|
Wathumela uHadadezere, wawarhola ama-Aram abephesheya koMlambo, eza eHelam; uShobhaki, umthetheli womkhosi kaHadadezere, ephambi kwawo.
-
17
|2 Samuel 10:17|
Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya eHelam. Akha izintlu ama-Aram malunga noDavide, alwa naye.
-
18
|2 Samuel 10:18|
Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli. UDavide wabulala kuma-Aram amakhulu asixhenxe abeenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka abamahashe. Waxabela noShobhaki, umthetheli womkhosi wawo, wafela khona.
-
19
|2 Samuel 10:19|
Bonke ookumkani abakhonza uHadadezere babona ukuba bagxothiwe phambi kwamaSirayeli, baxolelana namaSirayeli, bawakhonza. Oyika ke ama-Aram ukuba sabasiza oonyana baka-Amon.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19