-
-
Xhosa
-
-
1
|2 Samuel 17:1|
Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Makhe ndinyule ishumi lamawaka elinamawaka amabini amadoda, ndisuke, ndimsukele uDavide ngobu busuku;
-
2
|2 Samuel 17:2|
ndimfikele ediniwe, ewe izandla, ndimothuse; basabe bonke abantu anabo; ndibulale ukumkani yedwa;
-
3
|2 Samuel 17:3|
ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu.
-
4
|2 Samuel 17:4|
Lalunga elo zwi emehlweni ka-Abhisalom, nasemehlweni amadoda amakhulu onke akwaSirayeli.
-
5
|2 Samuel 17:5|
Wathi uAbhisalom, Khawubize noHushayi waseArki, sive into esemlonyeni wakhe naye.
-
6
|2 Samuel 17:6|
Weza uHushayi kuAbhisalom; wathi uAbhisalom kuye, UAhitofele uthethe eli lizwi wenjenje. Senze ngelizwi lakhe, singenzi ngalo, kusini na? Khawutsho wena.
-
7
|2 Samuel 17:7|
Wathi uHushayi kuAbhisalom, Icebo uAhitofele acebisa lona alilungile okwangoku.
-
8
|2 Samuel 17:8|
Wathi uHushayi, Wena uyamazi uyihlo namadoda akhe, ukuba ngamagorha amphefumlo ulugcalagcala, njengebhere ehluthwe amathole ayo ezindle; uyihlo yindoda eqhele ukulwa, akalali ebantwini.
-
9
|2 Samuel 17:9|
Yabona, kungokunje uzimele emgongxweni, nokuba kukwenye indawo. Kothi ke, xa athe wabawela ekuqaleni, eve ovayo, athi, Kukho uxabelo ebantwini abamlandelayo uAbhisalom;
-
10
|2 Samuel 17:10|
athi nomfo onobukroti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, anyibilike kuphele. Ngokuba onke amaSirayeli ayazi ukuba uyihlo ligorha, abo banaye ngamakroti.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38